U‐Hezekile 2 - Xhosa Bible 1864, 1902 (Appleyard)

1Wayesiti kum: Nyana woluntu! yima ngenyawo zako, ndandiya kuteta nawe.

2Wandul’ ukungena kum umoya, nxa abeteta kum, wandimisa ngenyawo zam; ndaza ndeva lowo owateta kum.

3Wayesiti kum: Nyana woluntu! ndiyakutuma elusatsheni luka‐Sirayeli, kwizizwe ezingevayo, ezivukele ngakum: lona noyise balo bagqitile ngakum kwada kwanguwo umhla lo.

4Balusapo olubuso bunokanda, noluntliziyo ilukuni; ndiyakutuma kubo, wauya kuti kubo: Itsho inkosi e nguyehova.

5Nabo bona, nokuba baya kuva, nokuba baya kuyeka, (ngokuba beyindlu enenkani,) baya kukwazi noko ukuba umprofite ebepakati kwabo.

6Nawe, nyana woluntu! ungaboyiki, namazwi abo ungawoyiki, nangona amaṙau nameva anawe, nokuba uyahlala pakati kwonomadudwane: ungawoyiki amazwi abo, ungetuswa nangobuso babo, ngokuba beyindlu enenkani bona.

7Wauya kuteta amazwi am kubo, nokuba baya kuva, nokuba baya kuyeka: ngokuba benenkani bona.

8Kodwa wena, nyana woluntu! yiva oko ndikutetayo kuwe; uze ungabi ngonenkani, njengayo londlu enenkani; yakamisa umlomo wako, utye oko endikunika kuwe.

9Ndaza ndakangela; kekaloku nasi isandla soluliwe ngakum, nangu nomqulu wencwadi ukuso.

10Wayewaneka ebusweni bam; wauba̔liwe wona pakati nangapandle; kwaye kuba̔liwe kuwo izililo, nesincwino, nesikalo.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help