1NDALILELA kuyehova ngelizwi lam; ndataṙuzisa kuyehova ngelizwi lam.
2Ndapalaza isikalazo sam ebusweni bake; ndashumayela ubunzima bam pambi kwake.
3Nxa umoya wam ubucubukile pakati kwam, wandula wayazi wena indlela yam. Endleleni endihamba ngayo, bandifihlele isibata.
4Kangela ngasekunene, ubone; kodwa akuko mntu ondaziyo: ndibujelwe yindawo yokupepela; akuko mntu okatalela umpefumlo wam.
5Ndalilela kuwe, Yehova! ndati: Nguwe indawo yam yokupepela, nesabelwa sam emhlabeni wabapilileyo.
6Pulapula isikalo sam; ngokuba nditotyelwe pantsi kakulu: ndihlangule kwabanditshutshisayo; ngokuba bendigqitisile ngamandla.
7Ku̔pa umpefumlo wam entolongweni, ndize ndidumise igama lako: abalungileyo baya kundipahla, nxa uya kundivuza.
Who We AreWhat We EelieveWhat We Do
2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.