1TIXO! zungabi nakupumla: zungati cwaka, zungati tu, Tixo!
2Ngokuba, kangela, intshaba zako zisenza impitimpiti; nabakutiyayo bepakamisile intloko.
3Bacebisene ngobuqinga ngakubo abantu bako, baqingene ngakubo abafihliweyo bako.
4Bate: Yizani sibati shwaqe bangabi sisizwe; lize igama lo‐Sirayeli lingabi sakunjulwa.
5Ngokuba becebisene ngentliziyo nye; benzile ucebano ngakuwe:
6intente zase‐Edome, nama‐Shimayeli; ama‐Mowabi, nama‐Hagare;
7aba‐Gebale, naba‐Hamoni, nama‐Amaleki; ama‐Filistiya, kunye nabemi base‐Tire:
8ama‐Asiriya nawo azibandakanyile nabo; aba yingalo kulo usapo luka‐Lote. Sela.
9Yenza kubo njengokwama‐Midiyane; njengokuka‐Sisera, njengokuka‐Yabine, emlanjeni we‐Kishone:
10ababujiswa e‐Hene‐dore, baba njengomgquba womhlaba.
11Yenza inkosi zabo njengo‐Worebe nanjengo‐Zibe; nazo zonke inkosana zabo njengo‐Zeba nanjengo‐Tsalemuna;
12abati: Masizibambe izindlu zikatixo zibe zezetu.
13Tixo! benze babe njengentenda: njengomququ pambi kwomoya.
14Njengokuba umlilo utshisa ihlati, nanjengokuba ilangatye livutisa intaba,
15kwa njalo bazingele ngoqwitela lwako, ubatuse ngesaqwiti sako.
16Zalisa ubuso babo ngedano; ize bafune igama lako, Yehova!
17Mabadaniswe batuswe kude kube ngunapakade; ewe, mabaviswe ihlazo, batshabalale:
18kuze kwaziwe ukuba wena, onegama eli nguyehova wedwa, ungopezu kwonke pezu kwomhlaba wonke.
Who We AreWhat We EelieveWhat We Do
2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.