1NDAHLALA ndikangela kuyehova; waza watobela kum, weva ukukala kwam.
2Wandinyusa emnxunyeni wentshabalalo, naseludongweni olubudaka, wamisa inyawo zam elulwalweni, waqinisa ukuhamba kwam.
3Wafaka iculo elitsha emlonyeni wam, kwa indumiso kuye utixo wetu: kwobonwa ngabaninzi, boyike, batembele kuye uyehova.
4Hai itamsanqa lalomntu omisa uyehova abe litemba lake; ongabeki abaner̔atshi, nabajikele elulwimini!
5Zininzi izinto ozenzileyo, Yehova, Tixo wam! kwa imimangaliso yako namaqinga ako ngakuti: akuko nto enokulinganiswa nawe: ukuba ndiya kuxela nditete ngazo, sezikohla ngokungenakubalwa.
6Umbingo nomnikelo ubungawutandi; indlebe zam uzinqikile: idini elitshiswayo nelesono akulibizanga.
7Ndandul’ ukuti: Nanku sekusiza mna: emqulwini wencwadi kuba̔liwe ngam:
8Ndiyatanda mna, Tixo wam! ukuyenza intando yako; umteto wako usembilini wam pakati.
9Ndishumayele ubulungisa entlanganisweni enkulu; bona ke, umlomo wam andiwubambanga; uyazi wena, Yehova!
10Ubulungisa bako andibufihlanga pakati kweyam intliziyo; ndityele inyaniseko yako nosindiso lwako; andisitelisanga nbubele bako nenyaniso yako entlanganisweni enkulu.
11Wena, Yehova! ungabambi kum inceba zako; mandihlale ndigcinwa bubele bako nayinyaniso yako.
12Ngokuba ndiṙauliwe bububi bude bungabi nakubalwa; inkohlakalo zam zindibambile, ndide ndikohlwe kubona; zidlule inwele zentloko yam ngokuba zininzi: sendishiyiwe yintliziyo yam.
13Yehova! mautande ukundikulula: Yehova! kauleza ukuza kundisiza.
14Mabadaniswe, bamatiswe kunye, abo bafuna ubomi bam ukuba babububise: mabanqandelwe ngomva, baviswe ihlazo, abo batanda ukwenzakala kwam.
15Mabasaliswe bodwa, ube ngumvuzo wehlazo labo, abo bati kum: Tshotsho! Tshotsho!
16Mabati bonke abo bafuna wena bagcobe bavuye ngawe: mabati abo batanda usindiso lwako bahlale besiti: Makenziwe mkulu uyehova.
17Kodwa mna ndilihlwempu, ndingosweleyo; inkosi yondikumbulela noko: wena ungumncedi wam nomkululi wam; zungalibali, Tixo wam!
Who We AreWhat We EelieveWhat We Do
2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.