1HAI ukutandeka kwetabanakele zako, Yehova wemikosi!
2Umpefumlo wam uyalangazelela, ewe, uyapelela nokupelela amakusi kayehova; intliziyo yam nenyama yam zimana zililela kutixo ohleliyo.
3Kwa ihobohobo lifumene indlu, nenkonjane izifumanele indawo, apo ibeka kona amatole ayo, — izibingelo zako, Yehova wemikosi, Kumkani wam notixo wam!
4Hai itamsanqa labo bahleli endlwini yako! bomana bekudumisa. Sela.
5Hai itamsanqa lomntu omandla akuwe; nelabo indlela zisezintliziyweni zabo!
6Bedlula emhlanjeni we‐Baka nje bayawenza umtombo; imvula iyazalisa namacibi.
7Bayahamba kwamandla ngamandla, bade babonakale abanye ngabanye pambi kwotixo e‐Ziyone.
8 Yehova, Tixo wemikosi! pulapula umtandazo wam; nika indlebe, Tixo ka‐Yakobi! Sela.
9Bona, Tixo, kaka letu! ukangele ubuso bomtanjiswa wako.
10Ngokuba imini nye emakusini ako igqitisa iwaka ngokulunga: nditanda ukulinda emnyango endlwini katixo wam, pezu kwokokuba ndihlale pakati ezintenteni zenkohlakalo.
11Ngokuba uyehova utixo elilanga nekaka; uyehova uya kupa ufefe nobungcwalisa; akayi kubavimba nto ilungileyo abo bahamba ngokulungisayo.
12Yehova wemikosi! hai itamsanqa lomntu otembela kuwe.
Who We AreWhat We EelieveWhat We Do
2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.