1NDILONDOLOZE, Tixo! ngokuba nditembela kuwe.
2 Mpefumlo wam! utshilo kuyehova ukuti: Uyinkosi yam; ukulunga kwam akufikeleli kuwe,
3kufikelela kubo abangcwele abasemhlabeni, nakubadumileyo ekukubo konke ukunyamekela kwam.
4Ziya kwandiswa intlungu zabanxamele utixo wumbi: andiyi kunikela ngeminikelo yabo yegazi; namagama abo andiyi kuwatabatela emlonyeni wam.
5Uyehova usisabelwa sesahlulo sam, nesendebe yam: wena uyagcina iqashiswa lam.
6Intambo zokulinganisa ziwe kum ezindaweni ezimnandi; ewe, lilifa elihle elilelam.
7Ndiya kumbonga uyehova, ondinika icebo: kanjalo izintso zam ziyandiluleka ngamaxesha asebusuku.
8Uyehova ndimbekile pambi kwam futi: engasekunene kum nje, andisayi kushukunyiswa.
9Ngako oko intliziyo yam iyavuya, nengcwalisa yam iyagcoba: kanjalo inyama yam iya kupumla ngetemba.
10Ngokuba ungayi kushiya umpefumlo wam ehadesi; kanjako akuyi kuyekelela oyingcwele yako eve ukubola.
11Uya kundazisa indlela yobomi: ebusweni bako kuko ubuninzi bovuyo; ngesokunene isandla sako kuko iziyolo ezingunapakade.
Who We AreWhat We EelieveWhat We Do
2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.