1NDOKUPAKAMISA, Tixo wam, Kumkani! ndandiya kubonga igama lako kude kube ngunapakade.
2Ngemihla yonke ndokubonga; ndandiya kudumisa igama lako kude kube ngunapakade.
3Umkulu uyehova; ulungel nkudunyiswa kakulu: ubukulu bake abunakupengululwa.
4Esinye isizukulwana siya kuncoma imisebenzi yako kwesinye, sishumayele izenzo zako zamandla.
5Ndiya kuteta ngodumo olubungcwalisa lwobungangamsha bako, nangendawo zemimangaliso yako.
6Baya kutyela amandla ezenzo zako ezoyikekayo: ndandiya kubalisa ubukulu bako.
7Baya kukolisa ukuxela inkunjulwa yobubele bako obuninzi, badumise ubulungisa bako ngovuyo.
8 Uyehova unofefe nenceba; uqumba kade, enobubele obukulu.
9Uyehova nlungile kubo bonke: nenceba zake zipezu kwayo yonke imisebenzi yake.
10Yonke imisebenzi yako yokudumisa, Yehova! nabangcwele bako bokubonga.
11Baya kutyela ubungcwalisa bobukumkani bako, batete ngamandla ako:
12ukwazisa konyana babantu izenzo zake zamandla, nobungcwalisa bodumo lwobubumkani bake.
13Ubukumkani bako bubukumkani obungunapakade; nobukosi bako bobesizukulwana ngesizukulwana.
14 Uyehova uyasekela bonke abawayo; uyabapakamisa bonke abatotyiweyo.
15Amehlo abo bonke ayakangela kuwe; uyabamkelisa ukutya kwabo ngexesha lako.
16Uyavula isandla sako, ukolise intando yako konke okuhleliyo.
17Uyehova unobulungisa kuzo zonke indlela zake: unobubele kuyo yonke imisebenzi yake.
18 Uyehova ukufupi kubo bonke abambizayo, kubo bonke abambizayo ngenyaniso.
19Intando yabamoyikayo woyifeza; nesikalo sabo uya kusiva, abasindise.
20Uyehova uyabagcina bonke abamtandayo: kodwa abakohlakeleyo bonke uya kubatshabalalisa.
21Umlomo wam uya kuteta udunyiswa lukayehova: maluti uluntu lwonke lubonge igama lake elingcwele kude kube ngunapakade.
Who We AreWhat We EelieveWhat We Do
2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.