KUMAHEBHERE 8 - isiXhosa 1975

UKristu, uMlamleli womnqophiso omtsha ongunaphakade

1Ke kaloku, eyona nto iyintloko kwezi zinto zithethwayo yile: Sinombingeleli omkhulu onje, othe wahlala phantsi ngasekunene kwetrone yobuKhulu emazulwini,

2ongumbusi wengcwele, nowomnquba wenyaniso owamiswayo yiNkosi, àwamiswa ngumntu.

3Kuba wonke umbingeleli omkhulu umiselwa ukuba asondeze iminikelo kwanamadini; ekuthe ngenxa yoko kwafuneka ukuba naye lo abe nento ayisondezayo.

4Kuba okunene, ukuba ebesemhlabeni, ubengayi kukha abe mbingeleli, bekho nje ababingeleli abayisondezayo iminikelo ngokomthetho:

5bona bàthi bakhonze umzekelo nesithunzi sezinto zasemazulwini, kwanjengokuba uMoses wayehlatyelwe nguThixo, xa abeza kuwufeza umnquba; kuba wathi, Khangela ukuba uzènze zonke izinto ngokomfuziselo owawuboniswayo entabeni.

6Kodwa kungoku, úzuze umbuso ogqithiseleyo kulowo, kangangokuba engumlamleli womnqophiso olungileyo ngakumbi, wona usekwe phezu kwawona madinga alungileyo.

7Kuba, ukuba ubungenakusoleka lowo wokuqala, ubungayi kufunelwa ndawo owesibini.

8Kuba uthi kubo, esola,

Yabona, kuza imihla, itsho iNkosi,

Endiya kuzalisekisa phezu kwendlu kaSirayeli, naphezu kwendlu kaYuda, umnqophiso omtsha;

9Ungahambi ngokomnqophiso endawenzela ooyise,

Mini ndababamba ngesandla, ukuba ndibakhuphe emhlabeni waseYiputa;

Ngokuba bengahlalanga emnqophisweni wam bona,

Ndaza nam àndabakhathalela; itsho iNkosi;

10Ngokuba nangu wona umnqophiso, endiya kuwenzela indlu kaSirayeli

Emva kwaloo mihla, itsho iNkosi:

Ndiya kuthi, ndiyibeke imithetho yam engqondweni yabo,

Ndiyibhale ezintliziyweni zabo,

Ndibe nguThixo kubo,

Nabo babe ngabantu kum.

11Kanjalo abayi kukha bafundise elowo ummelwane wakhe,

Elowo umzalwana wakhe, esithi, Yazi iNkosi;

Ngokuba baya kundazi bonke,

Bethabathela komncinane wabo, base komkhulu wabo.

12Ngokuba ndiya kukuxolela ukungalungisi kwabo,

Nezono zabo, nokuchasa kwabo umthetho, ndingabi sakukhumbula.

(UYer. 31:31-34)

13Ngokuthi oku, Omtsha, uwaluphalisile owokuqala. Ke loo nto yalupheleyo, yalixhego, iseyisondele ekuthini shwaka.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help