KUMAHEBHERE 1 - isiXhosa 1975

UKristu uNyana kaThixo uphakamile kunezithunywa zezulu

1UThixo wayethethile nje kudala ngeendawo ezininzi, nangeendlela ezininzi, koobawo ngabo abaprofeti, uthethe ngale mihla yokugqibela kuthi ngoNyana;

2awammisayo wayindlalifa yeento zonke, awathi kwangaye wayenza indalo yonke;

3othe, elubengezelo lobuqaqawuli bakhe, nombhalo wenkqu yakhe, ezithwele nokuzithwala zonke izinto ngalo ilizwi lamandla akhe, wesuka, akuba eyenzile ngokwakhe intlambululo yokusihlambulula ezonweni, wahlala phantsi ngasekunene kobuKhulu, enyangweni;

4ethe waba ngonamandla ngaphezu kwezithunywa zezulu, ngangoko azuze ilifa legama eligqithiseleyo kunelazo.

5Kuba sisiphi na isithunywa, awakha wathi kuso,

ÙnguNyana wam wena,

Mna ndikuzele namhla?

(INdum. 2:7)

Nokuthi,

Mna ndiya kuba nguYise wakhe,

Yena abe nguNyana wam?

(USam. II 7:14)

6Nangexa athi amngenise owamazibulo kwelimiweyo, uthi, Maziqubude kuye zonke izithunywa zikaThixo.

7Okunene ngazo izithunywa zezulu uthi,

Ulozenza izithunywa zakhe oomoya,

Nababusi bakhe ilangatye lomlilo;

(INdum. 104:4)

8kodwa ngaye yena uNyana uthi,

Itrone yakho, Thixo, isa ephakadeni lasephakadeni;

Yintonga ethe tye intonga yobukumkani bakho.

9Wathanda ubulungisa, wathiya okungendawo;

Ngenxa yoko, uThixo, uThixo wakho, ukuthambise

Ngeoli yomgcobo ngaphezu kowenu.

(INdum. 45:6,7)

10Abuye athi,

Ekuqalekeni, wena Nkosi, waliseka ihlabathi,

Nalo izulu lingumsebenzi wezandla zakho;

11Wona aya kutshabalala, ke wena uhlala uhleli;

Aye onke njengengubo eya konakala,

12Nanjengesambatho ùya kuwasonga,

Asuke abe ngawambi;

Ke wena ùkwanguwe,

Nayo iminyaka yakho ayiyi kuphela.

(INdum. 102:25-27)

13Sisiphi na ke isithunywa, awakha wathi kuso,

Hlala ngasekunene kwam,

Ndide iintshaba zakho ndizenze isihlalo seenyawo zakho?

(INdum. 110:1)

14Azingomoya ababusayo zonke na, zithunywe ukuba zilungiselele abo baza kuba ziindlalifa zalo usindiso?

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help