IINDUMISO 90 - isiXhosa 1975

UThixo ongunaphakade uyinqaba yomntuUmthandazo kaMoses, umfo wakwaThixo.

1Nkosi yam, ulikhaya wena kuthi,

Isizukulwana ngesizukulwana.

2Kungekazalwa zintaba,

Ùngekavelisi mhlaba, nazwe limiweyo,

Kususela kwaphakade kude kuse ephakadeni, wena unguThixo.

3Ùmbuyisela umntu eluthulini,

Ùthi, Buyani, nyana babantu.

4Ngokuba iwaka leminyaka emehlweni akho

Linjengemini yezolo, xa idluleyo,

Linjengomlindo wasebusuku.

5Uyabakhukulisa, balale;

Ngengomso babuya bahlume njengotyani.

6Ngomso butyatyamba, bubuye buhlume;

Ngokuhlwa buyasikwa bome.

7Ngokuba sìyaphela ngumsindo wakho,

Sikhwankqiswe bubushushu bakho.

8Ububeke ubugwenxa bethu phambi kwakho,

Nesibufihlileyo ububeka ekukhanyiseleni kobuso bakho.

9Ngokuba yonke imihla yethu isangene ngokuphuphuma komsindo wakho,

Siyiphelisile iminyaka yethu njengentsebezo.

10Imihla yeminyaka yethu iseminyakeni engamashumi asixhenxe;

Ukuba ithe yaba mininzi kakhulu, iba yiminyaka emashumi asibhozo,

Libe ke iqhayiya layo likukwaphuka nokungabi nto yanto,

Ngokuba ithe phe yakhawuleza, saphaphazela semka.

11Ngubani na owaziyo amandla omsindo wakho,

Nokuphuphuma kwawo, ngoko ufanele ukoyikwa ngako?

12Sázise kanye ukuyibala imihla yethu,

Ukuze sizuze intliziyo elumkileyo.

13Buya, Yehova, kunini na?

Uzohlwáye ngenxa yabakhonzi bakho.

14Síhluthise kwakusasa ngenceba yakho,

Simemelèle, sivuye yonke imihla yethu.

15Sívuyise ngangemihla owasicinezela ngayo.

Ngangeminyaka esabona ububi ngayo.

16Mayibonakale kubakhonzi bakho imisebenzi yakho,

Nobungangamela bakho koonyana babo.

17Ubumnandi bukaYehova mabube phezu kwethu.

Zimasa isenzo sezandla zethu phezu kwethu,

Isenzo sezandla zethu usizimase sona.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help