IINDUMISO 8 - isiXhosa 1975

Ubungangamsha bukaThixo nokuxabiseka komntuKumongameli: ngolwaseGati. Umhobe kaDavide.

1Yehova, Nkosi yethu,

Hayi, ubungangamsha begama lakho ehlabathini lonke!

Wena uwambathise amazulu ngendili yakho.

2Emlonyeni wabantwana nabanyáyo useké amandla,

Ngenxa yababandezeli bakho,

Ukuze udambise utshaba nophindezelayo.

3Xa ndilikhangelayo izulu lakho, umsebenzi weminwe yakho,

Inyanga neenkwenkwezi ozimisileyo:

4Uyintoni na umntu lo, le nto umkhumbulelayo?

Unyana womntu, le nto umvelelayo?

5Umsilelise kancinane ebuThixweni,

Wamthi jize ngobuqaqawuli nangobungangamela.

6Umphathisé ubukhosi phezu kwemisebenzi yezandla zakho,

Zonke izinto ùzibeke phantsi kweenyawo zakhe:

7Impahla emfutshane, neenkomo zonke ziphelele,

Kwaneenyamakazi zonke;

8Iintaka zezulu, neentlanzi zolwandle,

Into ehamba ngeendlela zolwandle.

9Yehova, Nkosi yethu,

Hayi, ubungangamsha begama lakho ehlabathini lonke!

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help