1Haleluya!
Dumisani uYehova emazulwini;
Mdumiseni ezindaweni eziphezulu.
2Mdumiseni, nonke zithunywa zakhe;
Mdumiseni, nonke mikhosi yakhe;
3Mdumiseni, wena langa, nawe nyanga;
Mdumiseni, nonke zinkwenkwezi zinokukhanya;
4Mdumiseni, mazulu awo amazulu,
Nani, manzi angaphezu kwezulu.
5Mazilidumise ezo nto igama likaYehova;
Ngokuba wawisa umthetho, zadalwa.
6Wazimisa ngonaphakade kanaphakade,
Wazimisela ummiselo ezingayi kuwugqitha.
7Dumisani uYehova ehlabathini,
Nina bominenga, nani nonke, manzi enzonzobila:
8Wena mlilo, nawe sichotho; wena khephu, nawe msi;
Moya uvuthuzayo, ulenzayo ilizwi lakhe;
9Nina zintaba, nani zinduli nonke,
Nina mithi eneziqhamo, nani misedare⢠nonke;
10Nina marhamncwa, nani zinkomo nonke,
Nina zinambuzane, nani zintaka zinamaphiko;
11Ookumkani behlabathi, nezizwe zonke,
Abathetheli nabagwebi behlabathi lonke;
12Umlisela kwanomthinjana,
Amadoda amakhulu kunye nabafana:
13Mabalidumise igama likaYehova,
Ngokuba liyingxonde igama lakhe yena yedwa;
Indili yakhe ingaphezu komhlaba nezulu.
14Wabaphakamisela abantu bakhe uphondo,
Lwayindumiso kwabakhe benceba bonke,
Koonyana bakaSirayeli, abantu abasondeleyo kuye.
Haleluya!
Who We AreWhat We EelieveWhat We Do
2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.