IINDUMISO 3 - isiXhosa 1975

Umthandazo wakusasa wokukholosa ngoYehovaUmhobe kaDavide, ekubalekeni kwakhe kuAbhisalom unyana wakhe.

1Yehova, hayi, ukuba baninzi kwabandibandezelayo!

Baninzi abasukela phezulu kum.

2Baninzi abathi kumphefumlo wam,

Akunalusindiso kuThixo. (Phakamisani.)

3Ke wena, Yehova, uyingweletshetshe kum,

Uluzuko lwam, umphakamisi wentloko yam.

4Ndidanduluka kuYehova ngezwi lam,

Andiphendule entabeni yakhe engcwele. (Phakamisani.)

5Ndalala phantsi, ndalala ubuthongo;

Ndavuka, ngokuba uYehova endixhasa.

6Andizoyiki izigidi zabantu

Abakhe uluhlu lokulwa ngeenxa zonke kum.

7Khawusuk' ume, Yehova; ndísindise, Thixo wam;

Ngokuba ùzibetha zonke iintshaba zam emhlathini;

Amazinyo abangendawo ùyawaphula.

8Usindiso lolukaYehova:

Mayibe phezu kwabantu bakho intsikelelo yakho. (Phakamisani.)

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help