IINDUMISO 53 - isiXhosa 1975

Ubudenge nobungendawo babantuKumongameli: ngeyokhuzo. Eyokuqiqa; ekaDavide.

1Síthi isidenge entliziyweni yaso, Akukho Thixo.

Bonákalisile, balisikizi ngobugqwetha babo;

Akukho wenza okulungileyo.

2UThixo esemazulwini uqondele koonyana babantu,

Ukubona ukuba ukho na oqiqayo,

Ofuna uThixo.

3Bonke babuyé umva, bayimbozisa bephelele;

Akukho wenza okulungileyo,

Akukho nokuba abe mnye.

4Àbanakwazi na abasebenzi bobutshinga,

Ábathi, bebadla abantu bam, bathi badla isonka,

Bangamnquli uThixo?

5Apho bánkwantya benkwantyile, phofu kungekho nto inkwantyisayo;

Ngokuba uThixo wawathi saa amathambo omngqingi wakho;

Wabadanisa, ngokuba uThixo ebebacekisile.

6Akwaba bekuvela eZiyon ukusindiswa kwamaSirayeli!

Ekubuyiseni kukaThixo abantu bakhe ekuthinjweni,

Wógcoba uYakobi, avuye uSirayeli.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help