IINDUMISO 86 - isiXhosa 1975

Umthandazo welungisa elisenkathazweniUmthandazo kaDavide.

1Thoba indlebe yakho, Yehova, ndíphendule,

Ngokuba ndilusizana, ndilihlwempu.

2Wugcine umphefumlo wam, ngokuba ndingowenceba;

Msindise, wena Thixo wam, umkhonzi wakho,

Lo ukholose ngawe.

3Ndíbabale, Nkosi yam,

Ngokuba ndidanduluka kuwe yonke imini.

4Wuvuyise umphefumlo womkhonzi wakho,

Ngokuba umphefumlo wam ndiwuphakamisela kuwe, Nkosi yam;

5Ngokuba ùlungile wena, Nkosi yam, uxolela;

Umkhulu ngenceba kubo bonke abakunqulayo.

6Wubekele indlebe umthandazo wam, Yehova,

Ulibazele indlebe izwi lokutarhuzisa kwam.

7Ngemini yokubandezelwa kwam ndinqula wena,

Ngokuba uya kundiphendula.

8Akukho únjengawe, Nkosi yam, phakathi koothixo;

Akukho zenzo zinjengezakho.

9Zonke iintlanga owazenzayo ziya kuza ziqubude phambi kwakho, Nkosi yam,

Zizukise igama lakho.

10Ngokuba ùmkhulu, wenza imisebenzi ebalulekileyo,

ÙnguThixo wena wedwa.

11Ndíyalele, Yehova, indlela yakho,

Ndihambe ngenyaniso yakho;

Yibandakanye intliziyo yam ukuba ndiloyike igama lakho.

12Ndiya kubulela kuwe, Nkosi yam, Thixo wam, ngentliziyo yonke,

Ndilizukise igama lakho ngonaphakade:

13Ngokuba inceba yakho ibe inkulu kum;

Wawuhlangula umphefumlo wam kwelingaphantsi labafileyo.

14Thixo, ábakhukhumali basukéle phezulu kum;

Ibandla labanobungqwangangqwili lifuna umphefumlo wam;

Àbakumisi wena phambi kwabo.

15Ke wena, Nkosi yam, unguThixo onemfesane, onobabalo,

Ozeka kade umsindo, omkhulu ngenceba nenyaniso.

16Ndíbheke, undibabale;

Mphe amandla akho umkhonzi wakho,

Úmsindise unyana womkhonzazana wakho.

17Ndénzele umqondiso wokulungileyo,

Bawubone abandithiyayo, badane,

Kuba wena, Yehova, undincedile, wandithuthuzela.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help