1Yehova, wuve umthandazo wam,
Kufike kuwe ukuzibika kwam.
2Musa ukubusithelisa ubuso bakho kum ngemini yokubandezelwa kwam,
Ndíthobele indlebe yakho;
Ngemini endidanduluka ngayo khawuleza undiphendule.
3Ngokuba iyaphela imihla yam njengomsi;
Amathambo am avutha njengeziko.
4Ibethwé yoma njengomfuno intliziyo yam,
Ngokuba ndilibele nokudla ukudla kwam.
5Ngenxa yezwi lokugcuma kwam
Amathambo am atshele enyameni yam.
6Ndifana nengcwangube yentlango,
Ndinjengesikhova sasemanxoweni.
7Andilali;
Ndinjengentaka eyodwa phezu kwendlu.
8Imini yonke ziyandingcikiva iintshaba zam,
Abandigezelayo bathuka ngam.
9Ngokuba ndidlé uthuthu njengesonka,
Into endiyiselayo ndiyiphithikezé nezililo,
10Ngenxa yokubhabhama kwakho noburhalarhume bakho;
Ngokuba ùndifunqule wandilahla.
11Imihla yam injengokoluka kwamathunzi;
Mna ndomile njengomfuno.
12Ke wena, Yehova, uhleli ngonaphakade,
Inkumbuzo yakho ikwizizukulwana ngezizukulwana.
13Ùya kusuk' ume, uyiphathe iZiyon ngemfesane;
Ngokuba lixesha lokuyibabala eli, ngokuba lifikile ixesha elimisiweyo.
14Ngokuba abakhonzi bakho bakholiswe ngamatye ayo,
Uthuli lwayo banofefe ngalo.
15Ziya kuloyika iintlanga igama likaYehova,
Nookumkani bonke behlabathi ubuqaqawuli bakho;
16Ngokuba eyakhile iZiyon uYehova,
Wabonakala ebuqaqawulini bakhe.
17Uwubhekile umthandazo wabachushuluzayo,
Àkawudela umthandazo wabo.
18Oko kuya kubhalelwa isizukulwana esizayo,
Abantu abaza kudalwa badumise uYehova.
19Ngokuba úqondele, esendaweni yakhe ephezulu engcwele;
Wondela ehlabathini esemazulwini uYehova,
20Ukuba akuve ukugcuma kwabakhonkxiweyo,
Abakhulule oonyana bokufa;
21Bancokole eZiyon ngegama likaYehova,
Ngendumiso yakhe eYerusalem;
22Ekubuthelaneni kwezizwe ndawonye,
Nezikumkani, ukuba zikhonze uYehova.
23Úwathobile endleleni amandla am,
Uyinqamle imihla yam.
24Ndithi, Thixo wam, musa ukundisusa phakathi kwemihla yam.
Ikwizizukulwana ngezizukulwana iminyaka yakho.
25Waliseka kudala ihlabathi;
Lisisenzo sezandla zakho izulu.
26Ezo zinto ziya kudaka, wena ke ume;
Zona zonke ziya konakala njengengubo,
Wòzigugisa njengesambatho, ziguge;
27Ke wena uhleli unguwe,
Iminyaka yakho ayinakuphela.
28Oonyana babakhonzi bakho baya kuhlala,
Imbewu yabo izimasèke phambi kwakho.
Who We AreWhat We EelieveWhat We Do
2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.