UYOBHI 35 - isiXhosa 1975

1Wasusela uElihu, wathi,

2Ùba oku kusesikweni na,

Ukuthi, ubulungisa bakho bungaphezu kobukaThixo;

3Ukuba uthi nje, Bundinceda ntoni na,

Bundinyusa ngantoni na phezu kokundinyusa kwesono sam?

4Ndiya kukuphendula mna ngokuthetha,

Nabahlobo bakho abanawe.

5Bheka ezulwini ubone;

Ukhangele isibhakabhaka, siphezulu kuwe.

6Ukuba ùthi wone, usebenza ntoni na ngakuye?

Khona zakuba zininzi izikreqo zakho, umenzé ntoni na?

7Ukuba ùthe walungisa wena, umpha ntoni na ngaloo nto?

Wámkela ntoni na yena esandleni sakho?

8Kuyinto kwindoda enjengawe ukungabi ndawo kwakho;

Buyinto kuwe, nyana womntu, ubulungisa bakho.

9Ngenxa yobuninzi bokucudisa, bayakhala abantu;

Bayazibika ngenxa yengalo yabakhulu.

10Ke àbatsho ukuthi, Uphi na uThixo uMenzi wam,

Osinika ingoma ebusuku,

11Osifundisa ngaphezu kweenkomo zehlabathi,

Asiphe ubulumko ngaphezu kweentaka zezulu?

12Bandula bakhale, angaphenduli,

Ngenxa yekratshi labanobubi.

13Hayi, yona into ekhohlakeleyo akayiva uThixo,

USomandla akayikhathalele.

14Noko ùtshoyo ukuthi akumkhathalele,

Ityala liphambi kwakhe, lindela kuye ke!

15Ke ngoko xa ungekaveleli umsindo wakhe,

Akazani na kunene nesikhukhumali?

16Ke uYobhi ufumana awuvule umlomo wakhe,

Akwandise ukuthetha engenakwazi.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help