1Haleluya!
Ndiya kubulela kuYehova ngentliziyo yonke,
Elucweyweni lwabathe tye nasebandleni.
2Zikhulu izenzo zikaYehova,
Zezokungxokwa iintsingiselo zazo zonke.
3Únendili nobungangamela umsebenzi wakhe,
Ubulungisa bakhe bumi ngonaphakade.
4Uyenzele ukuze ikhunjulwe imisebenzi yakhe ebalulekileyo;
Unobabalo nemfesane uYehova.
5Ubaphé ukudla abamoyikayo;
Uwukhumbule ngonaphakade umnqophiso wakhe.
6Ubabonise abantu bakhe amandla ezenzo zakhe,
Ebanika ilifa leentlanga.
7Izenzo zezandla zakhe ziyinyaniso nesiko;
Zithembekile zonke iziyalezo zakhe.
8Zizimasekile nanini nangonaphakade;
Zenziwe ngenyaniso, zithe tye.
9Ùbathumele abantu bakhe inkululeko;
Uwumisele ngonaphakade umnqophiso wakhe;
Lingcwele, liyoyikeka, igama lakhe.
10Ingqalo yobulumko kukoyika uYehova,
Banengqiqo elungileyo bonke abenza ngako;
Indumiso yakhe ihlala imi.
Who We AreWhat We EelieveWhat We Do
2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.