IINDUMISO 6 - isiXhosa 1975

Umthandazo wokucela inceba engxakiniKumongameli wokubethelwa izinto ezineentambo: ngelamadoda ilizwi. Umhobe kaDavide.

1Yehova, musa ukundohlwaya únomsindo,

Ungandithethisi únobushushu.

2Ndíbabale, Yehova, ngokuba ndintshwenyile;

Ndíphilise, Yehova, ngokuba ekhwankqisiwe amathambo am.

3Umphefumlo wam ukhwankqiswe kakhulu;

Ke wena, Yehova, koda kube nini na?

4Buya, Yehova, uwuhlangule umphefumlo wam;

Ndísindise ngenxa yenceba yakho.

5Ngokuba ekufeni akusekho kukukhumbula;

Kwelabafileyo ngubani na osenokubulela kuwe?

6Ndidiniwe kukugcuma kwam;

Ndiludadisa ubusuku bonke ukhuko lwam,

Ndiwenza manzi umandlalo wam ngeenyembezi zam.

7Lonakele kukukhathazeka iliso lam;

Laluphele ngenxa yababandezeli bam bonke.

8Sukani kum, nina nonke basebenzi bobutshinga;

Ngokuba uYehova ulivile ilizwi lokulila kwam.

9Ukuvile uYehova ukutarhuzisa kwam;

UYehova umthandazo wam uyawamkela.

10Ziya kudana, zikhwankqe kakhulu, zonke iintshaba zam;

Ziya kubuyiswa zidanile ngephanyazo.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help