IINDUMISO 128 - isiXhosa 1975

Intsikelelo yomzi ohlonela uThixoIngoma yezinyuko.

1Hayi, uyolo lwabantu bonke abamoyikayo uYehova,

Abahamba ngeendlela zakhe!

2Ukuxelenga kwezandla zakho inene ùya kukudla,

Ùya kuba noyolo wena, kulunge kuwe.

3Umkakho woba njengomdiliya oqhamayo

Endlwini yakho ngaphakathi;

Oonyana bakho babe njengezithole zomnquma

Ngeenxa zonke esithebeni sakho.

4Yabona, únjalo ukusikelelwa umfo

Omoyikayo uYehova.

5Makakusikelele uYehova eZiyon.

Uyibone iYerusalem inenyhweba

Yonke imihla yobomi bakho;

6Ubone abantwana babantwana bakho.

Malube luxolo kuSirayeli.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help