IINDUMISO 58 - isiXhosa 1975

Umthandazo wokucela impindezelo phezu kwabangendawoKumongameli; ngethi, Ungonakalisi. EkaDavide. Eliligugu.

1Yinene na kodwa ukuba nithetha ubulungisa, nina bothixo?

Nigweba oonyana babantu ngokuthe tye?

2Hayi, entliziyweni nenza ngobugqwetha;

Ezweni nilinganisela ukugonyamela kwezandla zenu.

3Abangendawo baphambukile kwasesizalweni;

Bandwendwile kwasesiswini abathethi bamanga.

4Banobuhlungu obunjengobuhlungu benyoka,

Njengephimpi elizenza isithulu, elivingca indlebe yalo;

5Ukuze lingaliva izwi labanyangi,

Lababopha ngomabophe, beziingcibi.

6Thixo, yaphula amazinyo abo emlonyeni wabo;

Amabamba eengonyama ezintsha wavithe, Yehova.

7Mabaphalale njengamanzi equkuqela;

Akuxuna iintolo zakhe, mazinge zicutshiwe.

8Mababe njengenkumba ehamba inyibilika,

Njengemva-mbilini yomfazi, engalibonanga ilanga.

9Zingekaziva iintsasa iimbiza zenu,

Nokuba ikrwada inyama, nokuba iza kuvuthwa, úyayiqweqwedisa.

10Liya kuvuya ilungisa, lakuyibona impindezelo;

Liya kuzihlamba iinyawo zalo egazini longendawo,

11Athi umntu, Inene, ilungisa linesiqhamo;

Inene, úkho uThixo ogwebayo ehlabathini.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help