IINDUMISO 16 - isiXhosa 1975

UThixo uyintloko yokulungileyo ebominiEyona iligugu likaDavide.

1Ndígcine, Thixo, ngokuba ndizímela ngawe.

2Ndithé kuYehova, ÙyiNkosi yam,

Andinanto indilungeleyo ngaphezu kwakho.

3Ndithe kwabangcwele abasehlabathini,

Bòna bazizinhanha apho, kukhona konke endikunanzileyo.

4Ziya kwanda iimbulaleko zâbo bamananisa ngathixo wumbi uYehova.

Andiyi kuyithulula iminikelo yabo ethululwayo yegazi;

Andiyi kuwaphatha amagama abo ngomlomo wam.

5NguYehova isahlulo endasabelwáyo, nendebe endayabelwáyo;

Ùlenzé banzi ilifa lam.

6Amacandelo andiwele ezindaweni ezimnandi;

Hee! Ndide ndaba nelifa elihle.

7Ndiya kumbonga uYehova ondinike icebo;

Nasebusuku ziyandithethisa izintso zam.

8Ndimmisile uYehova phambi kwam amaxesha onke;

Ngokuba esekunene kum nje, andiyi kushukunyiswa.

9Ngako oko iyavuya intliziyo yam, luyagcoba uzuko lwam:

Nenyama yam iya kuhlala ikholosile.

10Ngokuba akuyi kuwushiya umphefumlo wam kwelabafileyo;

Akuyi kumyekela owakho wenceba ukuba abonane nesihogo.

11Ùya kundazisa umendo wobomi;

Ebusweni bakho yinzaliseko yemivuyo;

Ekunene kwakho yimihlali ngonaphakade.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help