IINDUMISO 79 - isiXhosa 1975

Indawo engcwele ihlanjelwe; umthandazo wokucela uncedo lukaThixoUmhobe ka-Asafu.

1Thixo, iintlanga zingene elifeni lakho,

Ziyenzé inqambi itempile yakho engcwele;

Ziyenzé yayimiwewe iYerusalem.

2Izidumbu zabakhonzi bakho zizinike iintaka zezulu ukuba zizidle,

Nenyama yabakho benceba ziyinike amarhamncwa elizwe.

3Ziliphalazile igazi labo njengamanzi ngeenxa zonke eYerusalem;

Akwabakho mngcwabi.

4Sènziwe ingcikivo kubamelwane bethu,

Isigculelo nesicukucezo kwabasingqongileyo.

5Kunini na, Yehova, uhleli uqumbile?

Liya kuvutha njengomlilo na ikhwele lakho?

6Phalaza ubushushu bakho ezintlangeni ezingàkwaziyo,

Ezikumkanini ezingalinquliyo igama lakho.

7Ngokuba zimdlile uYakobi,

Zalenza inxuwa ikhaya lakhe.

8Musa ukubukhumbula kúthi ubugwenxa bamanyange ethu,

Mayingxame isikhawulele imfesane yakho:

Ngokuba siswele kakhulu.

9Síncede, Thixo ongumsindisi wethu, ngenxa yozuko lwegama lakho,

Usihlangúle, uzixolele ngocamagushelo izono zethu ngenxa yegama lakho.

10Yini na ukuba iintlanga zithi kuthi, Uphi na uThixo wabo?

Makwazeke ezintlangeni, emehlweni ethu,

Ukuphindezelwa kwegazi labakhonzi bakho eliphalaziweyo.

11Makuze phambi kwakho ukugcuma kwamakhonkxwa;

Ngokobukhulu bengalo yakho básalise oonyana bokufa.

12Yibuyisele kubamelwane bethu kasixhenxe esondweni lengubo yabo

Ingcikivo yabo, abakungcikive ngayo, Nkosi.

13Ke thina bantu bakho, zimvu zalúswa nguwe,

Siya kubulela kuwe ngonaphakade,

Sibalise ngendumiso yakho kwizizukulwana ngezizukulwana.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help