IINDUMISO 47 - isiXhosa 1975

Uvuyo loluntu lonke ngenxa kaThixo, ukumkani wehlabathi lonkeKumongameli; eyoonyana bakaKora. Umhobe.

1Nonke zizwe, bethani izandla,

Dumani kuThixo ngezwi lokumemelela.

2Ngokuba uYehova Osenyangweni uyoyikeka;

Ngukumkani omkhulu ehlabathini lonke.

3Uzikhandanisela phantsi kwethu izizwe,

Izizwe phantsi kweenyawo zethu.

4Usinyulela ilifa lethu,

Iqhayiya likaYakobi awamthandayo. (Phakamisani.)

5UThixo unyukile, kudunywa;

Unyukile uYehova, kuhlokoma isigodlo.

6Mbetheleni uhadi uThixo, mbetheleni,

Mbetheleni uhadi uKumkani wethu, mbetheleni!

7Ngokuba uKumkani wehlabathi lonke nguThixo;

Mbetheleni ngeyokuqiqa.

8UThixo nguKumkani weentlanga;

UThixo uhleli etroneni yakhe engcwele.

9Amanene ezizwe ahlanganisene,

Abantu boThixo ka-Abraham;

Ngokuba iingweletshetshe zehlabathi zezikaThixo;

Unyusiwe kakhulu yena.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help