UYEREMIYA 47 - isiXhosa 1975

Isiprofeto sokuchasa amaFilisti

1Into eyafikayo kuYeremiya umprofeti, ililizwi likaYehova ngokusingisele kumaFilisti, uFaro engekayixabeli iGaza, yaye iyile:

2Utsho uYehova ukuthi, Yabona, kunyuka entla amanzi angumlambo ongumkhukula, ontywilisela ilizwe nenzaliseko yalo, imizi nabemi bayo; sikhale isintu, babhomboloze bonke abemi belizwe.

3Ngenxa yesingqi sokunyathela kwamanqina eembalasane zamahashe akhe, ngenxa yokugoqoza kweenqwelo zakhe zokulwa, ngokuxokozela kweevili zakhe, ooyise abasabheki koonyana ngokuwa kwezandla;

4ngenxa yemini eza kuwabhuqa onke amaFilisti, eza kunqumla eTire neTsidon bonke abasale banceda; ngokuba uYehova uyawabhuqa amaFilisti, amasalela onxweme lwaseKafetori.

5Isezileni iGaza, itshabalele iAshkelon, amasalela entili yabo.

6Kunini na uxicenta? Awu! Krele likaYehova, kunini na ungaphezi? Rhoxela esingxotyeni sakho; phumla, uthi cwaka.

7Ùngathini na ukupheza, uYehova ekuwisele umthetho nje? EAshkelon naselunxwemeni lolwandle, apho úkuyalele.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help