UHOSEYA 9 - isiXhosa 1975

Kuya kufika ukuthinjwa nesohlwayo ngenxa yokunganyaniseki kukaSirayeli

1Musa ukuvuya, Sirayeli, ude ugcobe njengezizwe; ngokuba ùhenyuzile, wemka kuThixo wakho; uthandé utshequ ezandéni zonke zengqolowa.

2Isandá nesixovulelo seoli asiyi kubondla, newayini entsha iya kunidanisa.

3Abayi kuhlala ezweni likaYehova; uEfrayim uya kubuyela eYiputa, badle izinto eziyinqambi eAsiriya.

4Abayi kumthululela uYehova iwayini, ayiyi kuba mnandi kuye nemibingelelo yabo; ukudla kwabo kubo kuya kuba njengesonka sabalilayo. Bonke abakudlayo baya kuba ziinqambi; ngokuba ukudla kwabo kuya kuba kokwabo, akuyi kungena endlwini kaYehova.

5Nòthini na ngemini yexesha elimisiweyo, nangemini yomthendeleko kaYehova?

6Kuba, yabonani, bemkile ngenxa yembuqo; iYiputa iya kubabutha, iMofi iya kubangcwaba; izinto zabo ezinqwenelekayo zesilivere ziya kuhluthwa ngamarhawu; yimithi enameva ezintenteni zabo.

7Kufiké iimini zokuvelela, kufiké iimini zempindezelo; úya kwazi uSirayeli. Umprofeti sisimathane, ngumbhudi indoda enomoya, ngenxa yobukhulu bobugwenxa bakho nckutshutshisa okuninzi.

8Ngumboniseli uEfrayim ngakuThixo wam; umprofeti ngumgibe womthiyeli ezindleleni zakhe zonke, uyintshutshiso endlwini yoThixo wakhe.

9Batshonisile ukonakalisa kwabo, njengokwemihla yaseGibheha; úya kubukhumbula ubugwenxa babo, úya kuzivelela izono zabo.

10Ndamfumana uSirayeli enjengeediliya entlango; ndababona ooyihlo benjengamakhiwane aqalelayo emkhiwaneni, ekuqaleni kwawo; basuka bona baya kuBhahali-pehore,• bazahlulela entweni eziintloni, baba yinto enezothe, njengesithandane sabo.

11UEfrayim, uzuko lwakhe luya kubaleka, lumke njengentaka; kungabikho kuzala, nakumitha, nakukhawula.

12Ewe, nokuba bathe bakhulisa oonyana, ndobahlutha abantwana, kungabikho luntu. Yeha ke bona, ekusukeni kwam kubo!

13Ngoko ndazibonela uEfrayim, ukuba abe yiTire, etyelwe ekriweni; kodwa uEfrayim uya kubakhuphela kumbulali oonyana bakhe.

14Bánike, Yehova; wòbanika ntoni na? Bánike isisu esiphumayo, namabele awomileyo.

15Bonke ububi babo buseGiligali; kuba ndaqala ukubathiya khona. Ngenxa yobubi beentlondi zabo, ndiya kubagxotha endlwini yam; andiyi kuphinda ndibathande; bonke abathetheli babo baziinjubaqa.

16Ubethiwe uEfrayim, ingcambu yabo yomile; abayi kuxakatha siqhamo. Nokuba bathe bazala, ndozibulala izinto ezinqwenelekayo zesisu sabo.

17UThixo wam uya kubacekisa, kuba bengamphulaphulanga; baya kuphalaphala ezintlangeni.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help