IINDUMISO 52 - isiXhosa 1975

Ubungendawo buyakhalinyelwaKumongameli. Eyokuqiqa: ekaDavide: oko uDowegi umEdom waya waxelela uSawule, wathi kuye, UDavide ungene endlwini ka-Ahimeleki.

1Uqhayiselani na ngobubi, wena gorha?

Inceba kaThixo ikho imihla yonke.

2Ulwimi lwakho lucinga ukweyelisela,

Njengesitshetshe sokuguya iindevu esiloliweyo, wena mkhohlisi.

3Ùthanda okubi kunokulungileyo;

Ùbuxoki, kunokuthetha ubulungisa. (Phakamisani.)

4Ùthanda onke amazwi aginyayo,

Lulwimindini lukhohlisayo.

5Naye uThixo uya kukudiliza kuphele;

Úya kukuxwila, akuncothule ententeni,

Akudonyule ezweni labaphilileyo. (Phakamisani.)

6Obona amalungisa, oyike,

Amhleke, athi,

7Nanko umfo ongamenzanga igwiba lakhe uThixo,

Owakholosa ngobuninzi bobutyebi bakhe,

Waba nengcwangu ekweyeliseleni kwakhe.

8Ke mna ndinjengomnquma oluhlaza endlwini kaThixo;

Ndikholose ngenceba kaThixo ngonaphakade kanaphakade.

9Ndiya kubulela kuwe ngonaphakade, kuba ukwenzile oku;

Ndiya kuthemba igama lakho, ngokuba lilungile, phambi kwabenceba bakho.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help