UISAYA 55 - isiXhosa 1975

Iintsikelelo zomnqophiso omtsha owenziwa nguYehova

1Wenani! Nonke nina ninxaniweyo, yizani emanzini, nabangenamali; yizani, thengani nidle; yizani, thengani iwayini namasi, ningenaní, ningenamali.

2Yini na ukuba nilinganisele imali ngento engesonka, nokuxelenga kwenu ngento engahluthisiyo? Phulaphulani kum ninyameke, nidle okulungileyo, umphefumlo wenu uxhamle ukutyeba.

3Thobani iindlebe zenu, nize kum; yivani, uphile umphefumlo wenu; ndenzè umnqophiso ongunaphakade nani, iinceba zikaDavide ezinyanisekileyo.

4Yabona, ndimenzé ingqina ezizweni, ingànga nomwisimethetho ezizweni.

5Yabona, ùya kubiza uhlanga ongalwaziyo, uhlanga olungakwaziyo wena lugidimele kuwe, ngenxa kaYehova uThixo wakho, ngenxa yoyiNgcwele kaSirayeli, kuba ekuhombisile.

6Funani uYehova esenokufunyanwa; mbizeni esekufuphi.

7Ongendawo makashiye indlela yakhe, indoda enobutshinga mayishiye iingcinga zayo, ibuyele kuYehova: woba nemfesane kuyo; ibuyele kuThixo wethu ngokuba woxolela ngokukhulu.

8Kuba iingcinga zam asizizo iingcinga zenu, neendlela zenu asizizo iindlela zam, utsho uYehova.

9Inene, njengokuba izulu liwuphakamele umhlaba, ngokunjalo iindlela zam ziziphakamele iindlela zenu, neengcinga zam ziziphakamele iingcinga zenu.

10Kuba, njengokuba kusihla imvula nekhephu ezulwini, ingabuyeli kulo ingathanga iwunyakamise umhlaba uvunde, iwuhlumise, iwenze untshule, imnike imbewu umhlwayeli, imnike isonka odlayo:

11liya kuba njalo ilizwi lam eliphuma emlonyeni wam; aliyi kubuyela kum lilambatha, lingàkwenzanga endikuthandayo, lingakuphumelelisanga oko ndilithumela kuko.

12Kuba niya kuphuma ninovuyo, nithundèzwe ninoxolo. Iintaba neenduli ziya kugqabhuka zimemelele phambi kwenu, imithi yasendle ibethe izandla.

13Esikhundleni somqaqoba kuya kuphuma imisedare,• esikhundleni serhawu kuya kunyuka imimirtile;• oko kube ligama kuYehova, nomqondiso ongunaphakade ongayi kunqanyulwa.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help