UHOSEYA 4 - isiXhosa 1975

Ukubambana kukaYehova noSirayeli

1Liveni ilizwi likaYehova, nyana bakaSirayeli; ngokuba uYehova ubambene nabemi belizwe eli; ngokuba kungekho nyaniso, kungekho nceba, kungekho kwazi uThixo kweli lizwe.

2Kukushwabula, nokuxoka, nokuncinitha, nokuba, nokukrexeza; bagqobhozile, igazi liphathelele kwigazi.

3Ngenxa yoko ilizwe lenza isijwili, zithokombisile zonke izinto ezimi kulo; izinto eziphilileyo zasendle, neentaka zezulu, kwaneentlanzi zolwandle, ziyasuswa.

4Kodwa makangabambani omnye nomnye, omnye makangamohlwayi omnye; abantu bakowenu banjengobambene nombingeleli.

5Wòkhubeka emini, umprofeti enawe akhubeke ebusuku, ndimtshabalalise unyoko.

6Bayatshabalala abantu bam kukuswela ukwazi; kuba wena ukucekisile ukwazi, ndiya kukucekisa, ukuba ungabi ngumbingeleli kum. Wawulibala umyalelo kaThixo wakho; ndobalibala abantwana bakho nam.

7Okukhona bandileyo, kokukhona bonileyo kum; uzuko lwabo ndiya kulwananisa ngocukucezo.

8Badla idini lesono labantu bam; umphefumlo wabo bawuphakamisela ebugwenxeni babo.

9Kuya kuthi, njengoko banjalo abantu, abe njalo umbingeleli; ndizivelele iindlela zakhe kuye, ndizibuyìsele kuye iintlondi zakhe.

10Bodla bangahluthi; bahenyuze bangàndi; ngokuba bekuyekile ukumphulaphula uYehova.

11Uhenyuzo, newayini, newayini entsha, ziwexula intliziyo.

12Abantu bam babùzisa kumthi wabo; nentonga yabo iyabaxelela; ngokuba umoya wobuhenyu ubalahlekisile; bahenyuzé bemka phantsi koThixo wabo.

13Babingelela ezincotsheni zeentaba, baqhumisele ezindulini phantsi kwemioki• nemipopulari• nemiterebhinti,• kuba ulungile umthunzi wayo; ngenxa yoko ziyahenyuza iintombi zenu, bayakrexeza oomolokazana benu.

14Andiyi kuzivelela iintombi zenu, ngokokuba zihenyuza; noomolokazana benu, ngokokuba bekrexeza. Ngokuba nina ngokwenu nithi gu bucala namahenyukazi nibingelela namang'awukazi; ngoko ke abantu abangaqondiyo baya kukhahleleka phantsi.

15Ukuba ùyahenyuza, Sirayeli, makangazeki ityala uYuda; musani ukuya eGiligali, ningenyuki niye eBhetaven, ningafungi nithi, Ehleli nje uYehova.

16Kuba uSirayeli uyinjubaqa, njengethokazi eliyinjubaqa; ngoku uYehova uya kubalusela emphangaleleni, njengamatakane.

17UEfrayim ubophene nezithixo; myekeni.

18Igabadelè imithayi yabo; bahenyuza behenyuzile; ziluthandé nzulu ucukucezo iingweletshetshe zabo.

19Umoya umbambile ngamaphiko awo; baya kudana yimibingelelo yabo.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help