IINDUMISO 85 - isiXhosa 1975

Umthandazo wokucela inceba kaThixo nokukholosa ngayeKumongameli; eyoonyana bakaKora. Umhobe.

1Yehova, wabé unetarhu kwilizwe lakho.

Ububabuyisa abathinjwa bakaYakobi;

2Ububuxolela ubugwenxa babantu bakho,

Ubuziselela zonke izono zabo. (Phakamisani.)

3Ubuwufinyeza umsindo wakho ophuphumayo,

Ububuya ekuvutheni komsindo wakho.

4Síbuyise, Thixo ongumsindisi wethu,

Uyisuse ingqumbo yakho kuthi.

5Uya kusiqumbela ngonaphakade na?

Umsindo wakho ùya kuwolulela kwizizukulwana ngezizukulwana na?

6Akuyi kubuya usiphilise na,

Abantu bakho bavuye ngawe?

7Síbonise inceba yakho, Yehova,

Siphe usindiso lwakho.

8Mandive oko aya kukuthetha uThixo, uYehova;

Hayi, uthetha uxolo kubantu bakhe nakwabakhe benceba;

Mabangabuyeli ke ekunyabeni kwabo.

9Inene, usindiso lwakhe lusondele kwabamoyikayo,

Ukuze luhlale uzuko ezweni lakowethu.

10Kuya kuqubisana inceba nenyaniso,

Kuya kwangana ubulungisa noxolo.

11Inyaniso iya kuntshula emhlabeni,

Ubulungisa buqondele busemazulwini.

12Kananjalo uYehova uya kusinika okulungileyo,

Ilizwe lethu lisinike indyebo yalo.

13Ubulungisa buya kuhamba phambi kwakhe,

Buyigqale ngentliziyo indlela yokunyathela kwakhe.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help