IINDUMISO 2 - isiXhosa 1975

Ulawulo loMthanjiswa kaYehova

1Yini na ukuba iintlanga zenze imbuthumbuthu,

Izizwe zicamange into engeyakonto?

2Ookumkani behlabathi bazimisile,

Izidwangube zabhunga

NgoYehova nangoMthanjiswa wakhe;

3 Besithi, Masiziqhawule iimbophelelo zabo,

Sizilahle izintya zabo kuthi.

4Ohleli emazulwini úyahleka,

INkosi iyabagculela.

5Iya kwandula ithethe kubo ngomsindo wayo,

Ibakhwankqise ngokuvutha kwayo.

6 Ithi, Mna ke ndimmisile ukumkani wam

Phezu kweZiyon, intaba yam engcwele.

7 Athi yena, Ndiya kuwuvakalisa ummiselo:

UYehova uthe kum, ÙnguNyana wam wena;

Mna namhla ndikuzele.

8Cela kum, ndikuníke iintlanga zibe lilifa lakho,

Iziphelo zehlabathi zibe zezakho.

9Ùya kuzivikiva ngentonga yentsimbi,

Uzihlekeze, zinge zizitya zodongwe.

10Ngoko ke, nina bokumkani, qiqani;

Bagwebi basehlabathini, yalekani.

11Mkhonzeni uYehova nisoyika,

Gcobani nithuthumela.

12Mangeni uNyana, hleze aqumbe, nitshabalale endleleni,

Ngokuba ungáhle uvuthe umsindo wakhe.

Hayi, uyolo lwabo bonke abazímela ngaye!

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help