1Kukaninzi bendibandezela kwasebuncinaneni bam,
Makatsho uSirayeli;
2Kukaninzi bendibandezela kwasebuncinaneni bam:
Ababanga nakundithini noko.
3Abalimi balima emhlana kum,
Bayolula indima yabo.
4UYehova ulilungisa,
Uzinqumle izintya zabangendawo.
5Mabadane babuye umva
Bonke abayithiyayo iZiyon.
6Mababe njengengca ephuma phezu kwezindlu,
Eyomayo ingekahlumi,
7Engekasizalisi nesandla sakhe umvuni,
Engekalizalisi nesondo lengubo yakhe umbophi wezithungu;
8Bengekathi nabadlulayo,
Intsikelelo kaYehova mayibe kuni;
Sìyanisikelela egameni likaYehova.
Who We AreWhat We EelieveWhat We Do
2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.