UYOHANE 21 - isiXhosa 1975

Ukuzibonakalalisa kukaYesu ngakulwandle lwaseTibheriya

1Emva koko waphinda uYesu wazibonakalalisa kubafundi ngaselwandle lwaseTibheriya. Wenjenje ke ukuzibonakalalisa.

2Babendawonye uSimon Petros, noTomas okuthiwa nguDidimo, noNataniyeli waseKana yelaseGalili, nabakaZebhedi, nabanye kubafundi bakhe bebabini.

3Athi uSimon Petros kubo, Ndiya kubambisa iintlanzi. Bathi kuye, Nathi siyaya nawe. Baphuma bangena emkhombeni kwaoko. Ngobo busuku àbabamba nto.

4Ke kaloku, kwakuba sekusile, wema uYesu elunxwemeni; noko abafundi bebengazi ukuba nguYesu.

5Athi ngoko uYesu kubo, Bantwana, aninanto idliwayo na? Bamphendula bathi, Hayi.

6Wathi ke yena kubo, Wuphoseni umnatha ngecala lasekunene lomkhombe, nofumana. Baphosa ke; ababa saba nako ukuwutsala, ngenxa yenkitha yeentlanzi.

7Athi ngoko loo mfundi ubethandwa nguYesu kuPetros, YiNkosi. Uthe ngoko uSimon Petros, akuva ukuba yiNkosi, wabhinqa ingubo yokwaleka (kuba ebezé), waziphosa elwandle.

8Ke kaloku abanye abafundi beza ngomkhonjana (kuba bebengemgama emhlabeni, ngathi bebekubhite• zimakhulu mabini), bewuzizilizisa umnatha weentlanzi.

9Bathi ngoko, bakuwelela emhlabeni, babona umlilo wamalahle ukhona, nentlanzi ikuwo, nesonka.

10Athi uYesu kubo, Zisani kwezo ntlanzi nizibambise ngokunje.

11Wangena emkhombeni uSimon Petros, wawutsalela emhlabeni umnatha, uzele ziintlanzi ezinkulu, zilikhulu elinamanci mahlanu anantathu; nakuba bezingako njalo, awujacekanga umnatha.

12Athi uYesu kubo, Yizani nomule. Akubangakho namnye ke kubafundi waba nabuganga bakumbuza esithi, Ùngubani na? besazi nje ukuba yiyo iNkosi.

13Uza ke uYesu, asithabathe isonka, abanike, ayenjenjalo nentlanzi.

14Oku sekukokwesithathu ezibonakalalisa uYesu kubafundi bakhe, evukile kwabafileyo.

15Bathi ke bakomula, athi uYesu kuSimon Petros, Simon kaYona, uyandithanda na ngaphezu kwaba? Athi kuye, Ewe, Nkosi, uyazi wena ukuba ndiyakuthanda. Athi kuye, Dlisa amatakane am.

16Aphinde athi kuye okwesibini, Simon kaYona, uyandithanda na? Athi kuye, Ewe, Nkosi, uyazi wena ukuba ndiyakuthanda. Athi kuye, Yalusa izimvu zam.

17Athi kuye okwesithathu, Simon kaYona, uyandithanda na? Waba buhlungu uPetros, kuba ethe kuye okwesithathu, Uyandithanda na? Wathi kuye, Nkosi, uyazazi izinto zonke wena; uyaqonda wena ukuba ndiyakuthanda. Athi uYesu kuye, Dlisa izimvu zam.

18Inene, inene, ndithi kuwe, Oko ubusemtsha ubuzibhinqisa ngokwakho, uhambe apho uthanda khona; kodwa xa uthe waluphala, uya kuzolula izandla zakho, ubhinqiswe ngomnye, ákuse apho ungathandiyo.

19Wakútsho ke oku, eqondisa ukuba kukufa kuni na abeya kuzukisa uThixo ngako. Akutsho wathi kuye, Ndílandele.

20Ejikile ke uPetros, uboné umfundi obethandwa nguYesu elandela: lowo wayayame esifubeni sakhe esidlweni, wathi, Nkosi, ngubani na okunikelayo?

21UPetros akumbona lowo, uthi kuYesu, Nkosi, lo woba yini na?

22Athi uYesu kuye, Ukuba ndithi ndithande ukuba yena ahlale ndide ndifike, iyini na loo nto kuwe? Landela mna wena.

23Laphuma ngoko eli lizwi, laya kubazalwana, ukuba loo mfundi akayi kufa. Waye uYesu engatshongo kuye ukuthi, Akayi kufa; wathi, Ukuba ndithi ndithande ukuba yena ahlale ndide ndifike, iyini na loo nto kuwe?

Isihlomelo

24Nguye lo umfundi ongqinayo ngezi zinto, wazibhala ezi zinto; kanjalo siyazi ukuba ubungqina bakhe buyinene.

25Kukho ke nezinye izinto ezininzi awazenzayo uYesu; ezingathi zithe zabhalwa ngazinye, ndithi nehlabathi eli alingezibambi iincwadi ezo zingabhalwayo. Amen.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help