IINDUMISO 125 - isiXhosa 1975

UYehova ubajikelezile abantu bakheIngoma yezinyuko.

1Abo bakholosa ngoYehova banjengentaba yaseZiyon:

Ayishukumi, ihleli ngonaphakade.

2IYerusalem ijikelezwe ziintaba;

Ke uYehova ubajikelezile naye abantu bakhe,

Kususela ngoku kude kuse ephakadeni.

3Ngokuba ayiyi kuhlala intonga yokungendawo elifeni lamalungisa,

Ukuze amalungisa angazisí ebugqwetheni izandla zawo.

4Yehova, yenza okulungileyo kwabalungileyo,

Kwabathe tye ezintliziyweni zabo.

5Ke bona abathi gu bucala ngeendlela zabo ezimagoso-goso,

UYehova makabemkise, kunye nabasebenzi bobutshinga.

Malube luxolo kuSirayeli.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help