1Isihlabo esisingisele kuMowabhi.
Kuba ngobusuku iAri yakwaMowabhi ibhuqiwe, yadaka; kuba ngobusuku ibhuqiwe iKire yakwaMowabhi, yathi shwaka.
2Banyuké baya endlwini naseDibhon, ezigángeni, besiya kulila; phezu kweNebho naphezu kweMedebha uMowabhi uyabhomboloza; zonke iintloko zichetyiwe, zonke iindevu ziguyiwe.
3Ezitratweni zakhe babhinqa ezirhwexayo; phezu kwezindlu zakhona, nasezindaweni zeembutho zakhona, bonke bephela bayabhomboloza, besithi ngxa iinyembezi.
4Iyakhala iHeshbhon ne-Elale, lide laya kuvakala naseYahazi izwi labo; ngenxa yoko abaxhobileyo bakwaMowabhi benza isijwili, umphefumlo wabo uyajijitheka kubo.
5Intliziyo yam iyakhala ngokubona uMowabhi, omivalo ide yesa eTsohare, elithokazi elilizibulekazi; kuba banyuka eqhineni laseLuhiti belila; kuba endleleni yaseHoronayim bakhaliswa kukwaphulwa kwabo;
6kuba amanzi aseNimrim athe qoko; kuba bubunile utyani, luphelile uhlaza, awukho umfuno.
7Ngenxa yoko intwana ebisele, ababeyenzile, ababeyiqwebile, bayayithwala bayiweze esihlanjeni semingculuba.
8Kuba isikhalo siwuzungulezile umda wakwaMowabhi; ukubhomboloza kwakhe kwesa e-Eglayim, kwesa naseBhere-elim ukubhomboloza kwakhe.
9Kuba amanzi aseDimon azele ligazi; ngokuba iDimon ndiyimisela ezinye izinto ezimbi; abasindileyo bakwaMowabhi nabaseleyo emhlabeni ndibamisela ingonyama.
Who We AreWhat We EelieveWhat We Do
2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.