UHOSEYA 14 - isiXhosa 1975

USirayeli ubongozelwa ukuba abuyele kuYehova

1Sirayeli, buya, uze kuYehova, uThixo wakho; ngokuba ùkhubekile ngobugwenxa bakho.

2Thabathani niphathe amazwi, nibuyele kuYehova; yithini kuye, Síxolele bonke ubugwenxa, wamkèle izinto zethu ezilungileyo, ukuze sinikele iinkunzi zeenkomo ezintsha, imibulelo yomlomo wethu.

3UAsiriya akayi kusisindisa, asiyi kukhwela emahasheni, asiyi kuba sathi kumsebenzi wezandla zethu, Thixo wethu; kuba kuwe inkedama ifumana imfesane.

UYehova uya kuba nobubele

4Ndiya kukuphilisa ukubuya kwabo umva, ndiya kubathanda ngesisa; ngokuba umsindo wam ubuyile kuye.

5Ndiya kuba njengombethe kuSirayeli; úya kutyatyamba njengenyibiba, endelisele iingcambu zakhe njengeLebhanon.

6Aya kunaba amasebe akhe, bube njengomnquma ubuhle bakhe, ivumba lakhe libe njengeLebhanon.

7Baya kubuya abahlala emthunzini wakhe, baphile njengengqolowa, batyatyambe njengomdiliya, isikhumbuzo sawo sibe njengewayini yaseLebhanon.

8Efrayim, yintoni na esenam nezithixo? Okwam ndiyamphendula, ndímkhathalela; ndinjengomsipres• oluhlaza, siyafunyanwa kum isiqhamo sakho.

9Ngubani na olumkileyo, aziqonde ezo zinto? Ngubani na onengqondo, azazi? Ngokuba zithe tye iindlela zikaYehova; ahamba ngazo amalungisa; ke bona abakreqi baya kukhubeka kuzo.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help