UZEKARIYA 7 - isiXhosa 1975

Umbuzo ngozilo

1Kwathi ngomnyaka wesiné kaDariyo ukumkani, kwafika ilizwi likaYehova kuZekariya ngosuku lwesiné lwenyanga yesithoba, enguKisilevu.

2IBheteli ke yathuma ooSharetsere noRegem-meleki nabantu bakhe, ukuba bambongoze uYehova,

3bathèthe kubabingeleli ababesendlwini kaYehova wemikhosi, nakubaprofeti, bathi, Ndilíle na, ndizíle na ngenyanga yesihlanu, njengoko ndisendenzé ngako le minyaka ingaka?

4Kwafika ilizwi likaYehova wemikhosi kum, lisithi,

5Thetha kubantu bonke belizwe eli, nakubabingeleli, uthi, Oko benizila ukudla, nilila, ngenyanga yesihlanu nangeyesixhenxe, iminyaka ke engamashumi asixhenxe, ukuzila oko benizilela mna na?

6Xa benisidla naxa benisela, bekungàdli nina na, bekungàseli nina na?

7Beningàfanele kuwenza yini na amazwi, abewamemeza uYehova ngabaprofeti bamandulo, oko ibimiwe ichulumachile iYerusalem, kwanemizi yayo engeenxa zonke kuyo, naoko belimiwe elasezantsi nelasesithabazi?

Ukuthinjwa kusisiphumo sentswelantobeko

8Kwafika ilizwi likaYehova kuZekariya, lisithi,

9Utshilo uYehova wemikhosi ukuthi, Gwebani ngesigwebo senyaniso, nenze inceba nemfesane elowo kumzalwana wakhe.

10Musani ukubacudisa abahlolokazi, neenkedama, nabasemzini, namahlwempu; musani ukucinga bubi entliziyweni yenu ngendoda engumzalwana wenu.

11Abavumanga ke ukubaza indlebe; balirhola igxalaba elinjubaqa, bazithi nkqi iindlebe zabo, àbeva.

12Intliziyo yabo báyenza idayiman,• ukuba bangawuvi umyalelo namazwi, abewathumela uYehova wemikhosi ngomoya wakhe, ngabaprofeti bamandulo; kwabakho ke uburhalarhume obukhulu obuvela kuYehova wemikhosi.

13Kuya kuthi ke, njengoko ebememeza bengeva, benjenjalo ukumemeza, utsho uYehova wemikhosi, ndingevi.

14Ndiya kubachithachithela ezintlangeni zonke ababengazazi; kube senkangala elizweni emva kwabo, kungacandi mntu, kungabuyi mntu; balenze ke ilizwe elinqwenelekayo kube senkangala kulo.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help