IINDUMISO 63 - isiXhosa 1975

UThixo ukholisa umphefumlo onxaniweyoUmhobe kaDavide: oko ebesentlango yakwaYuda.

1Thixo, ùnguThixo wam, ndiya kukuquqela kwakusasa,

Umphefumlo wam unxanele wena; inyama yam iyakulangazelela

Ezweni elingumqwebedu, elibharhileyo, eligenamanzi.

2Ndenjénjalo ukukhangela kuwe engcweleni,

Ukuba ndibone amandla akho nobuqaqawuli bakho.

3Ngokuba inceba yakho ilungile ngaphezu kobomi,

Umlomo wam uya kukuncoma.

4Ndiya kwenjenjalo ukukubonga lo gama ndihleliyo,

Ndiphakamìse izandla zam egameni lakho.

5Umphefumlo wam uhluthi umongo namanqatha;

Ngemilebe yomlomo wam omemelelayo úya kukudumisa umlomo wam,

6Ndákukukhumbula emandlalweni wam,

Emilindweni yobusuku ndicamanga ngawe.

7Ngokuba uluncedo kum,

Ndinokumemelela esithunzini samaphiko akho.

8Umphefumlo wam uthene mbende nawe;

Isandla sakho sokunene sindibambile.

9Ke bòna bafuna umphefumlo wam ukuze batshabalale,

Baya kutshona kwezisezantsi iindawo zehlabathi.

10Baphalazelwa emandleni ekrele;

Baba sisabelo seempungutye.

11Ke yena ukumkani uya kuvuya ngoThixo;

Baya kuqhayisa abo bonke bafunga yena;

Ngokuba úya kuvingcwa umlomo wabathetha ubuxokoi.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help