ABAGWEBI 10 - isiXhosa 1975

Ama-Amon acinezela amaSirayeli

1Emva koAbhimeleki kwavela uTola, unyana kaPuwa, unyana kaDodo, umIsakare, ohleli eShamire ezintabeni zakwaEfrayim; wawasindisa amaSirayeli.

2Wawalawula amaSirayeli iminyaka emashumi mabini anamithathu; wafa, wangcwatyelwa eShamire.

3Emva kwakhe kwavela uYahire umGiliyadi, wawalawula amaSirayeli iminyaka emashumi mabini anamibini.

4Wayenoonyana abamashumi mathathu, abakhwela emaesileni amatsha amashumi mathathu, benemizi emashumi mathathu, ekuthiwa yiHavoti-yahire• yona unanamhla, esezweni laseGiliyadi.

5Wafa uYahire, wangcwatyelwa eKamon.

6Baphinda oonyana bakaSirayeli benza ububi emehlweni kaYehova bakhonza ooBhahali,• nooAshtaroti,• noothixo bakwa-Aram,• noothixo baseTsidon, noothixo bakwaMowabhi, noothixo boonyana baka-Amon, noothixo bamaFilisti. Bamlahla uYehova, àbamkhonza.

7Wavutha umsindo kaYehova kumaSirayeli, wathengisa ngawo, wawanikela esandleni samaFilisti, nasesandleni soonyana baka-Amon.

8Babaguba babacola oonyana bakaSirayeli kwangaloo mnyaka; babacola iminyaka elishumi elinesibhozo bonke oonyana bakaSirayeli, ababephesheya kweYordan ezweni lama-Amori eliseGiliyadi.

9Oonyana baka-Amon bayiwela iYordan, ukuze balwe namaYuda, namaBhenjamin, nendlu yakwaEfrayim; amaSirayeli abandezeleka kunene.

10Bakhala oonyana bakaSirayeli kuYehova, bathi, Sikonile, ngokuba simlahlile uThixo wethu, sakhonza ooBhahali.

11Wathi uYehova koonyana bakaSirayeli, Ndibe ndinganisindisanga na kumaYiputa, nakuma-Amori, nakoonyana baka-Amon, nakumaFilisti,

12nakumaTsidon, nakuma-Amaleki, nakumaMahon, abenixina; nakhala kum, ndanisindisa esandleni sawo?

13Nindilahlile nina, nakhonza thixo bambi; ngako oko andiyi kuphinda ndinisindise.

14Hambani niye kukhala koothixo enibanyulileyo; mabanisindise bona ngexesha lokubandezelwa kwenu.

15Bathi oonyana bakaSirayeli kuYehova, Sonile; yenza wena kuthi ngokubona kwakho; kodwa khawusihlangule okwanamhla.

16Babasusa oothixo bolunye uhlanga phakathi kwabo, bakhonza uYehova. Wakhathazeka umphefumlo wakhe ngokwaphuka kwamaSirayeli.

17Babizeleka ndawonye oonyana baka-Amon, bamisa eGiliyadi. Bahlanganisana oonyana bakaSirayeli, bamisa eMizpa.

18Bathi abantu, abathetheli baseGiliyadi, omnye komnye, Ngubani na indoda eya kuqala ukulwa noonyana baka-Amon? Yoba yintloko yabemi bonke baseGiliyadi.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help