IINDUMISO 116 - isiXhosa 1975

Umbulelo ngenxa yokusindiswa ekufeni

1Ndiyamthanda, ngokuba uYehova eliva

Ilizwi lam, ukutarhuzisa kwam.

2Ngokuba endithobele indlebe yakhe,

Ndiya kumnqula ngemihla yam yonke.

3Izintya zokufa zandijikela,

Iingxingongo zelabafileyo zandifumana,

Ndafunyanwa ziimbandezelo nesingqala.

4Ndanqula ke igama likaYehova, ndathi,

Yehova, ndiya kukhunga, siza umphefumlo wam.

5UYehova unobabalo, ulilungisa,

UThixo wethu unemfesane.

6Ngumgcini wabazizidenge uYehova;

Ndandiswele, wandisindisa.

7Buyela ekuphumleni kwakho, mphefumlo wam,

Ngokuba uYehova ukuphatha kakuhle;

8Ngokuba ewuhlangule umphefumlo wam ekufeni,

Iliso lam ezinyembezini,

Unyawo lwam ekungqulekeni.

9Ndiya kuhamba-hamba phambi koYehova

Emazweni abaphilileyo.

10Ndiyakholwa, xa ndithethayo;

Mna ndicinezelekile kunene.

11Ndathi mna ekuphakuzeleni kwam,

Bonke abantu ngamaxoki.

12Ndingámbuyisela ngantoni na uYehova

Konke ukundiphatha kwakhe kakuhle?

13Ndophakamisa indebe yosindiso,

Ndinqule igama likaYehova.

14Ewe, ndozizalisa izibhambathiso zam kuYehova,

Phambi kwabantu bakhe bonke kalokunje.

15Kunqabile emehlweni kaYehova

Ukufa kwakbakhe benceba.

16Okunene, Yehova, ndingumkhonzi wakho,

Ndingumkhonzi wakho, unyana womkhonzazana wakho;

Ùzicombulule iimbophelelo zam.

17Ndiya kubingelela kuwe umbingelelo wombulelo,

Ndinqule igama likaYehova.

18Ewe, ndiya kuzizalisa izibhambathiso zam kuYehova,

Phambi kwabantu bakhe bonke,

19Ezintendelezweni zendlu kaYehova,

Esazulwini sakho, Yerusalem.

Haleluya!

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help