UHOSEYA 5 - isiXhosa 1975

Ababingeleli nabalawuli bonakalisa uSirayeli

1Kuveni oku, babingeleli, nibaze iindlebe, nina ndlu kaSirayeli; nani ndlu yokumkani, bekani iindlebe; ngokuba uzé kuni umgwebo lo; kuba nisuke naba ngumgibe eMizpa, naba ngumnatha otwatyululweyo phezu kweTabhore.

2Bangxokile ukonakalisa ekunxaxheni kwabo; ke ndiyintethiso kubo bonke bephela.

3Mna ndiyamazi uEfrayim, noSirayeli àkagushiwe kum; ngokuba ùhenyuzile ngoku, wena Efrayim, uSirayeli uzenzé inqambi.

4Izenzo zabo azivumi ukuba babuyele kuThixo wabo; kuba umoya wobuhenyu ukubo, àbamazi uYehova.

5Iqhayiya likaSirayeli liyangqina ebusweni bakhe; bokhubeka noSirayeli noEfrayim ngobugwenxa babo; wokhubeka nabo kwanoYuda.

6Baya kuya kumfuna uYehova, benempahla yabo emfutshane neenkomo zabo, bangamfumani; urhoxile kubo.

7Bánginiza kuYehova, kuba bezele oonyana abangengabo; ngoku ke ukuthwasa kwenyanga kuyabadla, kunye nezahlulo zabo zomhlaba.

8Vuthelani izigodlo eGibheha, nexilongo eRama; wuhlabeni eBhetaven, nithi, Emva kwakho, Bhenjamin.

9Kuya kuba senkangala kwelakwaEfrayim ngemini yokohlwaya; ezizweni zakwaSirayeli ndisazisile isimakade sesibetho.

10Abathetheli bakwaYuda basuka baba njengabashenxisi bomda; ngoko ke ndophalaza phezu kwabo ubushushu bam njengamanzi.

11UEfrayim uyacudiswa, uyavikiveka ngumgwebo; kuba usuke wavuma ukulandela umthetho wabo.

12Mna ndinjengenundu kwaEfrayim, ndinjengombungu kwindlu kaYuda.

13Xa wasibonayo uEfrayim isifo sakhe, uYuda walibona inxeba lakhe; uEfrayim wesuka waya eAsiriya, wathumela kukumkani uYarebhi.• Akaba nako ukuniphilisa, akaba nako ukuninceda kwinxeba lenu.

14Ngokuba ndinjengengonyama kwaEfrayim, ndinjengengonyama entsha kwindlu kaYuda mna; mna ndiyaqwenga ndimke, ndithimbe, kungabikho mhlanguli.

Ukuvuma isono nokuguquka kukaSirayeli

15Ndiya kuhamba ndibuyele endaweni yam, bade beve benetyala, babufune ubuso bam. Ekubandezelekeni kwabo baya kundifuna benyamekile; bathi:

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help