IINDUMISO 73 - isiXhosa 1975

Impumelelo yabangendawo; ukungafani kwesiphelo sabo nesamalungisaUmhobe ka-Asafu.

1Ulungile kwaphela uThixo kuSirayeli,

Kwabantliziyo zinyulu.

2Ke mna, beziphantse ukumka iinyawo zam;

Gcwizi ukutyibilika ukunyathela kwam;

3Ngokuba bendibamonela abaqhayisayo,

Ndakukubona ukuphumelela kwabangendawo.

4Ngokuba àbanazintlungu ekufeni kwabo;

Baphilile, batyebile umzimba wabo;

5Ebubini babantu àbakho bona;

Àbakhathazwa njengabanye abantu.

6Ngako oko intamo yabo inxitywe ikratshi;

Ukugonyamela kubathe wambu ngokwengubo.

7Amehlo abo avelile kukutyeba;

Amabhongo eentliziyo zabo aphumela phandle.

8Bahlalela ngentlamba, bathetha ngokubandezela, benobubi;

Bathetha iindumbisa zamazwi.

9Bawubeka ezulwini umlomo wabo,

Ulwimi lwabo luhamba emhlabeni wonke.

10Ngako oko abantu babo babuyela apha;

Bafinca amanzi amaninzi.

11Bathi, Únokuthini na ukwazi uThixo?

Kukho ukwazi na kOsenyangweni?

12Yabona abangendawo abayá

Banokuchulumacha ngonaphakade, bandile ngokutyeba.

13Sìfumane sayiqaqambisa intliziyo yethu kanti,

Sazihlamba izandla zethu ngokuba msulwa;

14Ndakhathazeka imini yonke,

Ukohlwaywa kwethu kwaba kokwemiso yonke.

15Ukuba bendithe, Ndiya kwenjenjalo ukuthetha,

Yabona, ngendinginizile kwisizukulwana soonyana bakho.

16Ndathi ke ndakùcinga ukuba ndikwázi oko,

Kwayinkohla emehlweni am;

17Ndada ndaya kungena ezingcweleni zikaThixo,

Ndakúgqala ke ukuphela kwabo.

18Inene, ùbamise ezindaweni ezibuthelezi,

Wabawisa baba yintshabalala.

19Hayi, ukuphanziswa kwabo ngephanyazo;

Baphelile, bagqityiwe kukukhwankqa.

20Njengephupha ekuqabukeni komntu,

Ekuvukeni kwakho, Nkosi, wòwudela umfanekiso wabo.

21Ukuba ndithe ndabindeka intliziyo,

Ndahlabeka ezintsweni,

22Ndoba ke ndisisityhakala, ndingenakwazi;

Ndoba ke ndisisilo kuwe.

23Mna ke ndihlala ndinawe;

Ùndibambile ngesandla sam sokunene;

24Ùya kundikhapha ngecebo lakho.

Undithabathe emveni koku, ndibe nozuko.

25Ndinabani na emazulwini?

Ukuba wena ungowam, andilinanze nganto ihlabathi.

26Ingáphela inyama yam nentliziyo yam:

Iliwa lentliziyo yam, nesabelo sam, nguThixo ngonaphakade.

27Ngokuba, yabona, abanyawukileyo kuwe baya kudaka;

Uyababhangisa bonke abahenyuzayo, bemke kuwe.

28Mna ke, ukusondela kuThixo kulungile kum,

Ndiyenza ihlathi lam iNkosi uYehova,

Ukuze ndiyibalise yonke imisebenzi yakhe.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help