1Ndiya kubulela kuwe ngentliziyo yam yonke;
Phambi koothixo ndiya kukubethela uhadi.
2Ndiya kuqubuda ndibhekise etempileni yakho engcwele,
Ndibulele kwigama lakho, ngenxa yenceba yakho, nangenxa yenyaniso yakho;
Kuba ulikhulisile ilizwi lakho ngaphezu kwegama lakho lonke.
3Ngomhla wokubiza kwam wandiphendula,
Wandikhaliphisa, yangamandla emphefumlweni wam.
4Baya kubulela kuwe, Yehova, bonke ookumkani behlabathi,
Bakuweva amazwi omlomo wakho;
5Bavume ngeendlela zikaYehova,
Ukuba lukhulu uzuko lukaYehova:
6Ngokuba noko uYehova aphakamileyo, úyambona othobekileyo;
Ke yena oziphakamisayo úmazi nakude.
7Ukuba ndithe ndahamba-hamba phakathi kweembandezelo, ùyandiphilisa;
Wòsolulela emsindweni weentshaba zam isandla sakho,
Sindisindise isandla sakho sokunene.
8UYehova uya kundifezela.
Yehova, inceba yakho ingunaphakade,
Izenzo zezandla zakho musa ukuziyekela.
Who We AreWhat We EelieveWhat We Do
2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.