1Ngomnyaka wokuza kukaTartan eAshdode, ethunywe nguSargon, ukumkani waseAsiriya (walwa neAshdode, wayithimba),
2ngelo xesha, wathetha uYehova ngoIsaya unyana ka-Amotsi, esithi, Yiya ukhulule ingubo erhwexayo emanqeni akho, uzikhulule iimbadada ezinyaweni zakho. Wenjenjalo ke, wahamba zé, engenazo neembadada.
3Wathi ke uYehova, Njengokuba umkhonzi wam uIsaya ehambe zé, engenambadada, iminyaka emithathu, waba ngumqondiso nesimanga kwiYiputa nakwaKushi:
4úya kwenjenjalo ukumkani waseAsiriya ukubaqhuba abathinjiweyo baseYiputa, nabafudusiweyo bakwaKushi, abantwana namadoda amakhulu, bezé, bengenambadada, behamba ngeempundu, into leyo eziintloni kwiYiputa.
5Baya kuqhiphuka umbilini badane nguKushi, inqolonci yabo, nayiYiputa, iqhayiya labo;
6bathi ke abemi bolo nxweme ngaloo mini, Yabonani, inje inqolonci yethu, esasabela kuyo ukuba sincedwe, sihlangulwe kukumkani waseAsiriya; singáthini na ke ukusínda thina?
Who We AreWhat We EelieveWhat We Do
2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.