UHOSEYA 1 - isiXhosa 1975

Umtshato kaHoseya ngumzekeliso wokwalamana kukaYehova noSirayeli

1Ilizwi likaYehova elafika kuHoseya unyana kaBheri, ngemihla kaUziya, kaYotam, ka-Ahazi, kaHezekiya, ookumkani bakwaYuda; ngemihla kaYarobheham unyana kaYowashe, ukumkani wakwaSirayeli.

2Ukuqala kokuthetha kukaYehova noHoseya, wathi uYehova kuHoseya, Yiya uzeke umfazi wobuhenyu nabantwana bobuhenyu; ngokuba ilizwe lihenyuzé kakhulu, lemka kuYehova.

3Waya ke, wazeka uGomere intombi kaDibhelayim; wakhawula, wamzalela unyana.

4UYehova wathi kuye, Mthiye igama lokuba nguYizereli; ngokuba kusaya kuba ngumzuzwana, ndiwavelele amagazi akwaYizereli kwindlu kaYehu, ndibuphelise ubukumkani bendlu kaSirayeli.

5Kuya kuthi ngaloo mini ndisaphule isaphetha sakwaSirayeli entilini yaseYizereli.

6Waphinda wakhawula, wazala intombi. Wathi uYehova kuye, Yithiye igama lokuba nguAkenzelwanga-mfesane; ngokuba andiyi kuba saphinda ndiyenzele mfesane indlu kaSirayeli, ndingàbaxoleli nokubaxolela.

7Ndiya kuyenzela imfesane ke indlu kaYuda, ndibasindise ngoYehova uThixo wabo, ndingabasindisi ngasaphetha, nangakrele, nangamfazwe, ngamahashe, nangabamahashe.

8Akumlumla ke uAkenzelwanga-mfesane, wakhawula wazala unyana.

9Wathi uYehova, Mthiye igama lokuba nguAsibantu-bam; ngokuba àningabantu bam, nam andiyi kuba ngowenu.

Idinga lokubuyiselwa

10Ke inani loonyana bakaSirayeli liya kuba ngangentlabathi yaselwandle, engàlinganiswayo, engàbalwayo; kuthi endaweni yokuba kuthiwe kubo, Aningabantu bam, kusuke kuthiwe kubo, Ningoonyana bakaThixo ophilileyo.

11Bohlanganisana ndawonye oonyana bakaYuda noonyana bakaSirayeli, bazimisele intloko ibe nye, banyuke baphume kwelo zwe; kuba iya kuba nkulu imini yaseYizereli.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help