UZEKARIYA 5 - isiXhosa 1975

Umbono wencwadi esongwayo ephaphazelayo

1Ndabuya ndawaphakamisa amehlo am, ndakhangela, nantso incwadi esongwayo, iphaphazela.

2Sathi kum, Ùbona ntoni na? Ndathi, Ndibona incwadi esongwayo iphaphazela; ubude bayo buziikubhite• ezimashumi mabini, nobubanzi bayo buziikubhite ezishuminye.

3Sathi kum, Eso ke sisishwabulo esiphuma sihambe phezu kwelizwe lonke; ngokuba bonke abebàyo baya kutshayelwa apha ngokokwayo; bonke abafungàyo baya kutshayelwa ngaphaya ngokokwayo.

4Ndisikhuphile, utsho uYehova wemikhosi; siya kungena endlwini yesela, nasendlwini yolifungayo ngobuxoki igama lam, silalise endlwini yakhe, siyigqibe nemithi yayo namatye ayo.

Umbono we-efa nomfazi

5Saphuma isithunywa esibe sithetha nam, sathi kum, Khawuwaphakamise amehlo akho, ukhangele ukuba iyintoni na leyo iphumayo.

6Ndathi ke, Yintoni na? Sathi, Yiefa• leya iphumayo. Sathi, Yimbonakalo yabo leya ezweni lonke.

7Nanko, kuphakama isiciko selothe, kuhleli umfazi phakathi kwe-efa.

8Sathi, NguNgendawo lowo; samphosa phakathi kwe-efa, saliphosa ilitye lelothe emlonyeni wayo.

9Ndawaphakamisa ke amehlo am, ndakhangela, nanko kuphuma abafazi ababini, umoya usemaphikweni abo; amaphiko abo abenjengamaphiko engwamza, bayithwala iefa phakathi komhlaba nezulu.

10Ndathi kwisithunywa esibe sithetha nam, Bayisa phi na iefa abayá?

11Sathi kum, Baya kumakhela indlu ezweni leShinare; ithi yakugqitywa, bambeke khona esizeni sakhe.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help