IINDUMISO 59 - isiXhosa 1975

Umthandazo wokuchasa neentshaba ezinekratshiKumongameli; ngethi, Ungonakalisi. EkaDavide. Eliligugu: ekuthumeleni kukaSawule, bayilinda indlu ukuba bambulale.

1Ndíhlangule ezintshabeni zam, Thixo wam,

Ndíse engxondeni kwabasukela phezulu kum.

2Ndíhlangule kubasebenzi bobutshinga;

Ndísindise ebantwini abanamagazi.

3Ngokuba nâbo bewulalela umphefumlo wam;

Baqukana ngam ábanamandla,

Kungekho lukreqo kum, kungekho sono kum, Yehova.

4Ndingenabugwenxa nje, bagidimé baxhoba.

Vuka, undikhawulele, ubone.

5Wena Yehova, Thixo wemikhosi, Thixo kaSirayeli,

Phapha, uzivelele zonke iintlanga;

Musa ukubayeka bonke abanginizayo bengábagqithi. (Phakamisani.)

6Bayabuya ngokuhlwa, bayavungama njengezinja,

Bawuhamba-hambe umzi.

7Nâbo belephuza amagwebu ngomlomo;

Ngamakrele emlonyeni wabo;

Ngokuba bathi, Kuva bani na?

8Wena, Yehova, uyabahleka,

Ùyazigculela zonke iintlanga.

9Mandla am, ndiya kulindela kuwe;

Ngokuba uThixo uyingxonde yam.

10UThixo wam uya kundikhawulela ngenceba yakhe;

UThixo uya kundibonisa abandilaleleyo.

11Musa ukubabulala, hleze balibale abantu bakowethu;

Babhadulise ngamandla akho, ubawise,

Ngweletshetshe yethu, Nkosi yethu.

12Isono somlomo wabo lilizwi lemilebe yomlomo wabo;

Mababanjiswe likratshi labo,

Nangenxa yokushwabula nokuhanahanisa abakuthethayo.

13Bágqibe ngobushushu; gqiba, bangabi sabakho;

Baqónde ukuba uThixo ngumlawuli kwaYakobi,

Wesa eziphelweni zehlabathi. (Phakamisani.)

14Bayabuya ngokuhlwa, bayavungama njengezinja,

Bawuhamba-hambe umzi.

15Bona babhadulela ukudla;

Ukuba bathe àbahlutha, balala apho.

16Ke mna, ndiya kuvuma ngamandla akho,

Ndimemelele kwakusasa ngenceba yakho,

Kuba ubuyingxonde kum,

Nendawo endisabela kuyo ngemini yokubandezelwa kwam.

17Mandla am, ndiya kukubethela uhadi;

Ngokuba uThixo yingxonde yam, nguThixo wam onenceba.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help