1Yabonani, ukuba kúhle, ukuba mnandi,
Ukuthi abazalwana bahlale bemxhelo mnye!
2Kunjengeoli elungileyo entloko,
Isíhla ezindevini,
Ezindevini zika-Aron,
Isihla iye emqukumbelweni weengubo zakhe.
3Kunjengombethe waseHermon,
Ohla phezu kweentaba zaseZiyon;
Ngokuba uYehova wayimisela khona apho intsikelelo,
Ubomi, kude kuse ephakadeni.
Who We AreWhat We EelieveWhat We Do
2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.