IINDUMISO 137 - isiXhosa 1975

Ubukrakra bentlalo yokuthinjwa eBhabheliNgaseMilanjeni• yaseBhabheli

1sahlala phantsi khona, salila,

Sakùyikhumbula iZiyon.

2Emingculubeni phakathi kwayo

Sazixhoma khona iihadi zethu.

3Ngokuba khona apho abathimbi bethu basibiza

Izango zengoma;

Abathuthumbisi bethu basibiza uvuyo,

Besithi, Sivumeleni ingoma yaseZiyon.

4Singáthini na ukuvuma ingoma kaYehova

Emhlabeni wolunye uhlanga?

5Ukuba ndithe ndakulibala, Yerusalem,

Masinyèle isandla sam sokunene.

6Ulwimi lwam malunamathele ekhuhlangubeni lam,

Ukuba andithanga ndikukhumbule;

Ukuba andithanga ndiyinyuse iYerusalem

Ngaphezu kwemivuyo yam yonke.

7Bakhumbule, Yehova, oonyana bakaEdom,

Umhla weYerusalem,

Abo bathi, Yidilizeni, yidilizeni

Kuse elusekweni lwayo.

8Ntombi inguBhabheli, wena unyashiweyo;

Hayi, uyolo lwalowo ukubuyekezayo ukuphatha kwakho

Osiphethe ngako!

9Hayi, uyolo lwalowo ubabambayo abahlekeze abantwana bakho

Engxondorheni!

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help