UISAYA 31 - isiXhosa 1975

Ubudenge bokuthemba iYiputa neAsiriya kunokuthemba uThixo

1Yeha, abehla baye eYiputa ukuba bancedwe, abayama ngamahashe, abakholosa ngeenqwelo zokulwa, kuba zininzi, nangabamahashe, kuba beqiné kunene; abangamnoneleli oyiNgcwele kaSirayeli, abangamquqeliyo uYehova!

2Ulumkile ke naye; uya kuzisa ububi, angawabeki nxamnye amazwi akhe; uya kusukela phezulu kwindlu yabenzi bobubi, nakuncedo lwabasebenza ubutshinga.

3AmaYiputa angabantu, àkaThixo; amahashe awo ayinyama, àkamoya; ukuba uYehova angásolula isandla sakhe, wokhubeka umncedi, awe umncedwa, baphele kunye bonke.

4Ngokuba uYehova utshilo kum ukuthi, Njengokuba ingonyama, nengonyama entsha, isuka igqume phezu kwento eyibambileyo, yakubizelwa ihlokondiba labalusi, ingaloyiki ilizwi labo, ingayilahli ngokuxokozela kwabo: kwangokunjalo uya kuhla uYehova wemikhosi, ukuba ayikhuphele umkhosi intaba yeZiyon nenduli yayo.

5Njengeentaka zindanda, uya kwenjenjalo uYehova wemikhosi ukuyikhusela iYerusalem, eyikhusela, eyihlangula, eyiconga, eyisiza.

6Buyelani kulowo nimkileyo kuye ngokunzulu, nyana bakaSirayeli.

7Ngokuba ngaloo mini baya kucekisa elowo izithixo zakhe zesilivere ezingení, nezegolide ezingení, ezinenzele zona izandla zenu, ukuba none ngazo.

8Wowa uAsiriya likrele elingelelandoda, limdle ikrele elingelelamntu, asabe phambi kwekrele, amadodana akhe afakwe uviko.

9Ingxondorha yakhe yodlula imke ngokunxunguphala, baqhiphuke umbilini abathetheli bakhe, bemke kwibhanile;• utsho uYehova, omlilo useZiyon, oziko liseYerusalem.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help